Izafobe 11:16-25 Ibhayibhile (XHO96)

16. Umfazi onesimilo uyahlonitshwa;ke wona amadoda aziindlavini azizuzela kuphela ubutyebi.

17. Umntu onobubele uyazimaseka;kambe ke yena ongqwabalala uyazenzakalisa.

18. Okuzuzwa ngumntu okhohlakeleyo ngenkohliso kuyaphela,phofu ke ohlala esenza okulungileyo ufumana umvuzo oqinisekileyo.

19. Ubulungisa obububo busingisa ebomini;ke yena oleqa ububi usingisa ekufeni.

20. UNdikhoyo ubathiyile abantu abantliziyo zinenkohlakalo;kanti ke ukholiswa ngabasimo sisulungekileyo.

21. Ngokuqinisekileyo baya kohlwaywa abantu abenza izinto ezimbi;kambe ke bona abenza izinto ezilungileyo baya kusinda.

22. Ubunzwakazi bomfazi ongenangqiqobufana nomsesane wegolide empumlweni yehagu.

23. Umnqweno womntu olilungisa uzala ubuhle;ke lona ithemba lesikhohlakali liza nengqumbo.

24. Abanye abantu banezinwe kodwa bahambela phambili ngenkqubela;kanti ke bambi abasoluli isandla noko baya beswela ngokuswela.

25. Umntu ophayo uba nenkqubela;ukuba ùyabanceda abanye abantu nawe uya kuncedwa.

Izafobe 11