Izafobe 10:6-15 Ibhayibhile (XHO96)

6. Amalungisa athiwa jize ngesithsaba sentsikelelo,ke zona izikhohlakali ubundlobongela zibufihla ngokuthetha.

7. Kuyintsikelelo ukukhumbula amalungisa,kambe ke lona igama lezikhohlakali liyaphutha.

8. Umntu onengqondo uyayiphulaphula imiyalelo;kambe ke sona isityhakala esilavuzayo siya kubhanga.

9. Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.

10. Umntu oyivalela amehlo inkohlakalo ubangela intlupheko,kambe ke isityhala esilavuzayo siya kubhanga.

11. Amazwi omntu olilungisa angumthombo wobomi;kanti ke zona izikhohlakali ubundlobongela zibufihla ngokuthetha.

12. Intiyo iphembelela ingxabano;ke lona uthando luyazingcwaba zonke izono.

13. Umntu oqondayo uthetha ubulumko,kanti ke umhlana wesinyabi ufanelwe yintonga.

14. Isilumko siyaluqoqosha ulwazi,kanti ke kona ukuthetha kwesityhakala kuza nentshabalalo.

15. Ubutyebi besinhanha lixhadi laso;ke bona ubuhlwempu yintshabalalo yosweleyo.

Izafobe 10