5. Unyana oxakekayo evuna ngexesha lokuvuna ukhaliphile;kambe ke yena olalayo xa isivuno silungile lihlazo.
6. Amalungisa athiwa jize ngesithsaba sentsikelelo,ke zona izikhohlakali ubundlobongela zibufihla ngokuthetha.
7. Kuyintsikelelo ukukhumbula amalungisa,kambe ke lona igama lezikhohlakali liyaphutha.
8. Umntu onengqondo uyayiphulaphula imiyalelo;kambe ke sona isityhakala esilavuzayo siya kubhanga.
9. Umntu onyanisekileyo uhamba engaxhalele nto;ke yena onamaqhinga uya kubhaqwa.
10. Umntu oyivalela amehlo inkohlakalo ubangela intlupheko,kambe ke isityhala esilavuzayo siya kubhanga.
11. Amazwi omntu olilungisa angumthombo wobomi;kanti ke zona izikhohlakali ubundlobongela zibufihla ngokuthetha.
12. Intiyo iphembelela ingxabano;ke lona uthando luyazingcwaba zonke izono.
13. Umntu oqondayo uthetha ubulumko,kanti ke umhlana wesinyabi ufanelwe yintonga.
14. Isilumko siyaluqoqosha ulwazi,kanti ke kona ukuthetha kwesityhakala kuza nentshabalalo.
15. Ubutyebi besinhanha lixhadi laso;ke bona ubuhlwempu yintshabalalo yosweleyo.