Izafobe 10:24-32 Ibhayibhile (XHO96)

24. Umntu okhohlakeleyo uzuza kanye le nto imnxunguphalisayo,kodwa yena olilungisa unikwa oko akufunayo.

25. Zakufika iinkqwithela zimka nabo abantu abakhohlakeleyo;kanti ke bona abanyanisekileyo bema ngxishi ngonaphakade.

26. Asinto umdintsi ukusetyenzelwa livila,nqwa neviniga emazinyweni okanye umsi emehlweni.

27. Ukuthobela uNdikhoyo kuyabongeza ubomi bomntu;kanti ke yona iminyaka yezibhoja iyanqanyulwa.

28. Ithemba lelungisa liza novuyo;ke lona ithemba lesikhohlakali liphelel' emoyeni.

29. Indlela kaNdikhoyo yinqaba yamalungisa;kodwa ke yintshabalalo kwabenza ububi.

30. Ilungisa alisoze libhukuqwe;ke yena okhohlakeleyo ngekhe eme elizweni.

31. Umntu obhadlileyo uphuphuma ubulumko,kambe ke yena umntu ogqwethayo uya kunqunyulwa ulwimi.

32. Umntu onengqondo uthetha amazwi afanelekileyo;kambe ke sona isikhohlakali sithetha amazwi akrwempayo.

Izafobe 10