Izafobe 10:24-27 Ibhayibhile (XHO96)

24. Umntu okhohlakeleyo uzuza kanye le nto imnxunguphalisayo,kodwa yena olilungisa unikwa oko akufunayo.

25. Zakufika iinkqwithela zimka nabo abantu abakhohlakeleyo;kanti ke bona abanyanisekileyo bema ngxishi ngonaphakade.

26. Asinto umdintsi ukusetyenzelwa livila,nqwa neviniga emazinyweni okanye umsi emehlweni.

27. Ukuthobela uNdikhoyo kuyabongeza ubomi bomntu;kanti ke yona iminyaka yezibhoja iyanqanyulwa.

Izafobe 10