Izafobe 10:22-29 Ibhayibhile (XHO96)

22. Yintsikelelo kaNdikhoyo enika umntu ubutyebi;kambe ke yona ayihambi nazintsizi.

23. Isiyatha siyavuya xa sisenza ubugwenxa;phofu ke yena umntu onengqondo uyabuvuyela ubulumko.

24. Umntu okhohlakeleyo uzuza kanye le nto imnxunguphalisayo,kodwa yena olilungisa unikwa oko akufunayo.

25. Zakufika iinkqwithela zimka nabo abantu abakhohlakeleyo;kanti ke bona abanyanisekileyo bema ngxishi ngonaphakade.

26. Asinto umdintsi ukusetyenzelwa livila,nqwa neviniga emazinyweni okanye umsi emehlweni.

27. Ukuthobela uNdikhoyo kuyabongeza ubomi bomntu;kanti ke yona iminyaka yezibhoja iyanqanyulwa.

28. Ithemba lelungisa liza novuyo;ke lona ithemba lesikhohlakali liphelel' emoyeni.

29. Indlela kaNdikhoyo yinqaba yamalungisa;kodwa ke yintshabalalo kwabenza ububi.

Izafobe 10