15. Ubutyebi besinhanha lixhadi laso;ke bona ubuhlwempu yintshabalalo yosweleyo.
16. Ilungisa lixhamla ubomi ngemigudu yalo;ke yona inzuzo yesikhohlakali iphelela esonweni.
17. Umntu oyithobelayo ingqeqesho usekhondweni lobomi;ke yena ongaphulaphuliyo ulahlekene nendlela.
18. Umntu oyifihlayo intiyo lixoki;ke yena osasaza iindaba zolwimi sisiyatha.
19. Ekuthetheni kakhulu isono sidla ngokubakho,kambe ke ozibambayo ekuthetheni unengqiqo.
20. Amazwi elungisa afana nesiliva ecwengileyo;ke zona iingcinga zesikhohlakali ziphuthile.
21. Amazwi omntu onengqondo ayinzuzo kwabaninzi;kanti ke zona izityhakala zibulawa kukungayisebenzisi ingqondo.
22. Yintsikelelo kaNdikhoyo enika umntu ubutyebi;kambe ke yona ayihambi nazintsizi.
23. Isiyatha siyavuya xa sisenza ubugwenxa;phofu ke yena umntu onengqondo uyabuvuyela ubulumko.
24. Umntu okhohlakeleyo uzuza kanye le nto imnxunguphalisayo,kodwa yena olilungisa unikwa oko akufunayo.
25. Zakufika iinkqwithela zimka nabo abantu abakhohlakeleyo;kanti ke bona abanyanisekileyo bema ngxishi ngonaphakade.