1. Nazi izafobe zikaSolomon:Unyana osisilumko ulibhongo likayise,ke yena osisityhakala ungumva-ndedwa kanina.
2. Ubutyebi obufunyenwe ngobuqhophololo abuphumelelisi,kodwa ke kona ukuziphatha kakuhle kuhlangula ekufeni.
3. *UNdikhoyo soze abayeke abantu abalungileyo balambe,kambe ke zona izikhohlakali uyazithintela ingafezeki iminqweno yazo.
4. Umntu oqhokrwe izandla uba lihlwempu;ke yena okhutheleyo uba sisityebi.
5. Unyana oxakekayo evuna ngexesha lokuvuna ukhaliphile;kambe ke yena olalayo xa isivuno silungile lihlazo.
6. Amalungisa athiwa jize ngesithsaba sentsikelelo,ke zona izikhohlakali ubundlobongela zibufihla ngokuthetha.
7. Kuyintsikelelo ukukhumbula amalungisa,kambe ke lona igama lezikhohlakali liyaphutha.