Izafobe 1:29-33 Ibhayibhile (XHO96)

29. Kaloku nisuke naluthiya ulwazi,anakukhathalela ukuthobela *uNdikhoyo.

30. Ewe, anilamkelanga icebiso lam,anivumanga naxa ndinilumkisa.

31. Ngoko ke niya kuvuna loo nto niyilimileyo;amacebo enu lawo niya kuwatya nide niwatyekeze.

32. Kaloku iziyatha zifa kuba zibumangala ubulumko;zona izityhakala zizibhubhisa ngokungakhathaleli nto.

33. Kambe ke bona abandiphulaphulayo bahlala bekhuselekile;ewe, bathi zava, bengaxhalele kwenzakaliswa nto.”

Izafobe 1