Izafobe 1:25-30 Ibhayibhile (XHO96)

25. Ewe, anilikhathalele icebiso lam;anivumi kusamkela nesilumkiso sam.

26. Ke mna ndiya kuhlekisa ngani nakungena enkathazweni;ndiya kuphoxisa ngani ngomhla wonxunguphalo.

27. Ewe, nditsho naxa senirhwaqele lunxunguphalo,lunihlasela njengesaqhwithi;seningathi nirhiwulwa sisivunguvane,imbandezelo neenzingo zinifikele.

28. “Ngenene, niya kuzibika kum, kodwa ke mna ndingasabeli.Niya kuba ngabhadula nindifuna, ningandizuzi.

29. Kaloku nisuke naluthiya ulwazi,anakukhathalela ukuthobela *uNdikhoyo.

30. Ewe, anilamkelanga icebiso lam,anivumanga naxa ndinilumkisa.

Izafobe 1