Isityhilelo 9:9-12 Ibhayibhile (XHO96)

9. Zazifake izikhuselo-sifuba ezingathi zezentsimbi. Isandi sokurhatshaza kwamaphiko azo sasivakala ngathi sisandi seenqwelo zamahashe zisinga edabini.

10. Imisila yazo yayifana neyoonomadudwane, inolwamvila. Babusemsileni apho ubuhlungu bokuthuthumbisa abantu iinyanga ezintlanu.

11. Inkosi yazo yayisisithunywa sasenzonzobileni. Igama layo lalinguAbhadon ngesiHebhere, uApoliyon ngesiGrike.

12. Lidlule ishwangusha lokuqala. Kodwa aseza amabini.

Isityhilelo 9