6. Kananjalo ndeva isandi esingathi lilizwi, siphuma kweziya zilwanyana zine. Lathetha lathi: “Isitya sengqolowa singangomvuzo wemini enye; izitya ezithathu zamazimba zingangomvuzo wemini enye; kambe ke uze ungadlalisi ngawo amafutha ndawonye newayini.”
7. Kwakhona iXhwane laqhaqha uphawu lwesine, ndaza ndeva isilwanyana sesine sisithi: “Yiz' apha!”
8. Ndakukhangela ndabona elinye ihashe; lona lalimbatshile. Igama lalowo wayehleli phezu kwalo lalinguKufa, kanti ke ezinyaweni zakhe kwakulandela uLabafileyo. Banikwa amagunya phezu kwesiqingatha sesine sehlabathi, ukuze bageqe ngekrele, ngembalela, isibetho, nangamarhamncwa.
9. Ngokunjalo iXhwane laluqhaqha nolwesihlanu uphawu. Ngaphantsi kweqonga lamadini ndababona abo babebulewe ngenxa yokushumayela ilizwi likaThixo, nangenxa yokungqina.
10. Babhomboloza bathi: “Kakade ke, Nkosi, Somandla oyiNgcwele kanye, koda kube nini ungasiphindezeli ulibuyekeze igazi lethu elaphalazwa ngabantu beli hlabathi?”
11. Elowo nalowo kubo wathiwa wambu ngomnweba omhlophe. Ngokunjalo kwathiwa mabakhe balinde okwethutyana, bade baphelele abalingane namawabo asaza kubulawa kwanjengabo.
12. Ndalibona ke ngoku iXhwane liqhaqha uphawu lwesithandathu. Suka yazama-zamisa inyikima, ilanga lafaka ezokuzila lathi thsu, inyanga yona yajika yaligazi.
13. Iinkwenkwezi zona zavuthulukela emhlabeni, zaxel' amakhiwane egeqwa sisaqhwithi.