Isityhilelo 5:9-14 Ibhayibhile (XHO96)

9. Ayevuma ingoma entsha, esithi:“Ukufanele wena ukuyithatha incwadi;ukufanele wena ukuluqhaqha uphawu lwayo.Ewe, kaloku wena wabulawa;ngegazi lakho waluthengela uThixo uluntukuzo zonke iintlanga neelwimi,kubantu ngabantu nezizwe ngezizwe.

10. Ubenze ababingeleli basebhotwe,ukuze bakhonze uThixo wethu.Ewe, baya kulilawula nehlabathi.”

11. Kwakhona ndakhangela, ndabona izigidi ngezigidi namawaka-waka ezithunywa zezulu! Zazingqonge ibhotwe, nezilwanyana ezine, ngokunjalo namadoda amakhulu.

12. Zazidanduluka zicula zisithi:“IXhwane elabulawayo likufaneleukuba namandla, ubutyebi, nolwazi,ukomelela, isithozela, ubungangamsha, nodumo!”

13. Ke kaloku ndaziva izidalwa nayo yonke indalo, ezulwini nasemhlabeni, phantsi komhlaba naselwandle, zidanduluka zisithi:“Kulowo uhleli esihlalweni sokulawula, nakulo iXhwane,mayibekho indumiso nesithozela, ubungangamsha namandla,ngonaphakade kanaphakade!”

14. Zavakala izilwanyana zozine zisithi: “*Amen!” Wona amadoda amakhulu athi guqaqa, akhahlela.

Isityhilelo 5