1. Emva koko ndabona izulu livulekile phambi kwam. Ndeva eliya lizwi bendilive lithetha nam, lihlokoma okwexilongo lisithi kum: “Yiza ngapha ndikubonise izinto ezimelwe kukwenzeka emva kwezi.”
2. Ngoko nangoko ndaba semandleni kaMoya. Ndabona apho ezulwini kukho isihlalo sobukhosi.
3. Kwakuhleli kuso ingangalala ekhazimla okwamatye exabiso, akudidi loozidayimani ngokumenyezela, ekuthiwa yijaspa nekorneli ukubizwa kwawo. Isihlalo eso sasinesangqa somnyama owawubengezela nawo oku kwelitye lexabiso eliluhlaza ekuthiwa yiemeraldi ukubizwa kwalo.
4. Kwakukho nezinye izihlalo zithe thande, zingqonge isihlalo sobukhosi, zingamashumi mabini anesine; kukho namadoda amakhulu angamashumi mabini anesine awayethe nqwadalala kwezo zihlalo. Ayethe wambu ezimhlophe iingubo, ethwele izithsaba zegolide.