Isityhilelo 20:7-11 Ibhayibhile (XHO96)

7. Iya kuthi ke yakuphela iminyaka eliwaka, akhululwe umtyholi enzonzobileni.

8. Ekhululekile ke uya kuzilahlekisa izizwe kumagumbi omane ehlabathi; ezo ke nguGogi noMagogi. Umtyholi uya kuziqokelela zibe zininzi njengentlabathi eselunxwemeni lolwandle, aye nazo emfazweni.

9. Nazo ke zicombuluka ehlabathini liphela, zirhawula impi yomkhosi wosapho lukaThixo, ndawonye neso sixeko asithandayo. Kuthe kusenjalo suka kwehla umlilo phezulu, wazithi lence-lence.

10. Okokwakhe umtyholi, umlahlekisi wazo, yena wathiwa dywa echibini lomlilo onesalfa, apho irhamncwa kunye *nomshumayeli oxokayo bebesebephoswe khona. Apho ke baya kungcungcutheka imini nobusuku ngonaphakade kanaphakade.

11. Ndaza ke ndabona isihlalo sokulawula esimhlophe, kukho ohleli kuso. Umhlaba namazulu ambaleka, awaba sabonakala.

Isityhilelo 20