Isityhilelo 2:11-14 Ibhayibhile (XHO96)

11. “ ‘Lowo uneendlebe zokuva makaluve udaba oluthethwa nguMoya ebandleni!“ ‘Lowo woyisileyo akanako ukwenziwa nto kukufa kwesibini. ’ ”

12. “Bhalela ummeli webandla lasePergama, uthi: ‘Olu daba luvela kulowo unekrele elibukhali elibaze macala.

13. Ndiyayazi le ndawo uhlala kuyo: Kusebhotwe kwaSathana! Kodwa nakuba kunjalo awundilahlanga. Awuzange utyhafe undikhanyele, nangethuba kwakubulawa ingqina lam elithembekileyo uAntipas, apho kuloo dolophu yakho ilikhaya likaSathana.

14. Kambe ke ndineendawana ezingandikholisiyo apha kuwe: Kwalapho kuwe bakho abasabambelele kwimfundiso kaBhalam. Kaloku yena ngulowa wafundisa uBhalaki ukulukuhla amaSirayeli. Wawakhuthaza ukuba atye ukutya okwenzelwe izithixo, arheletye.

Isityhilelo 2