Isityhilelo 17:15-18 Ibhayibhile (XHO96)

15. Isithunywa saqhuba sathi: “Amanzi emilambo lawo uwabonileyo, apho limi khona ihenyukazi, luluntu, iintlanga, izizwe, neelwimi ngeelwimi.

16. Iimpondo ezilishumi ozibonileyo kunye nerhamncwa zosuka zilithiye ihenyukazi. Ziya kulihluba libe ze, zilishiye lingumpha ochutyiweyo; ewe, ziya kulitya inyama, zijike zilitshise libe luthuthu.

17. Kaloku uThixo ukunikele kuzo ukufezekiswa kwecebo lakhe. Ziya kuvana, amagunya azo ziwanike irhamncwa, ade afezekiswe amazwi kaThixo.

18. “Umfazi lowo umbonileyo sisixekokazi esilawula bonke ookumkani behlabathi.”

Isityhilelo 17