4. Isithunywa sesithathu sasichithela emilanjeni nasemithonjeni isitya saso, yaza yajika yaba ligazi.
5. Ndeva isithunywa esilawula amanzi sisithi: “Zilungile izigqibo zakho, wena ungcwele, uhleli ukho, nobukade ukho!
6. Baliphalaza igazi lemilowo kaThixo *nelabashumayeli, ngoku ke ubanika igazi ukuba basele. Ibafanele loo nto bayifumeneyo, tshotsho!”
7. Kwavakala ilizwi, liphuma eqongeni lamadini, lisithi: “Nkosi, Thixo Somandla, ngenene zinyanisekile, zilungile, izigqibo zakho!”
8. Sasichitha elangeni isitya saso isithunywa sesine. Laza ilanga lakhululelwa ukubatshisa ngengqantsini yobushushu abantu.
9. Batsha abantu seso sihogo. Baliqalekisa igama likaThixo ezeza ngegunya lakhe ezo zibetho. Kodwa abazanga bahlukane nezono, banqule uThixo.