13. Ndabona iindimoni ezintathu ezazingathi ngamasele. Zaphuma emlonyeni wegongqongqo, nowerhamcwa, nakowomshumayeli oxokayo.
14. Yayiziindimoni ezinamandla okwenza imilingo. Zazithunywe ukuya kuqokelela edabini zonke iikumkani zelizwe ngaloo mini inkulu kaThixo uSomandla.
15. “Uyabona ke, ngaloo mini ndiya kuza njengesela. Unoyolo ke lowo uhlala elindile, engazikhululi izambatho zakhe, ukuze angahambi ze, ahlazeke ebantwini.”