Isityhilelo 15:2-5 Ibhayibhile (XHO96)

2. Kwaba ngathi ndibona ulwandle olusabuglasi, luxutywe nomlilo. Kwakumi ngakulo abo babequbisene nerhamncwa baza boyisa, baphikisana nomfanekiso walo, ngokunjalo nenani legama lalo. Bonke babephethe iihapu,

3. bevuma ingoma kaMosis isicaka sikaThixo neXhwane, besithi:“Mikhulu iyamangalisa imisebenzi yakho,Nkosi, Thixo Somandla!Zilungile, ziyinyaniso iindlela zakho,Kumkani weentlanga zonke!

4. Ngubani obengenakunkwantya aze akubonge wena, Nkosi?Kaloku nguwe wedwa oyingcwele.Zonke iintlanga ziya kunqula ziqubude kuwe,kuba izigqibo zakho ezilungileyo zicacile kubo bonke.”

5. Emva koko ndabona ingcwele yeengcwele, isibingelelo ahlala kuso uThixo, sivuleka ezulwini.

Isityhilelo 15