7. Sadanduluka samemeza sathi: “Thobelani uThixo, nimdumise ngenxa yobungangamsha bakhe! Kaloku ngoku lifikile ithuba lokuba alugwebe uluntu. Ngoko ke nqulani nimdumise umenzi wamazulu nomhlaba, ulwandle nemithombo empompozayo!”
8. Kwalandela esinye isithunywa sisithi: “Huntshu! Ithe folokohla yawa indlovukazi uBhabheli! Kaloku uluchwe lokurheletya kwakhe uluseze zonke izizwe!”
9. Ngokukwanjalo salandela nesinye isithunywa simemeza sisithi: “Wonke umntu onqula irhamncwa kunye nomfanekiso walo, aze amkele uphawu lwalo ebunzi okanye esandleni,
10. uya kutsarhwa yingqumbo kaThixo. Ewe kaloku, impindezelo kaThixo itsale yada yatshukula. Uya kugcadeka elangatyeni lomlilo wesalfa, iXhwane nezithunywa ezingcwele zibukele.
11. Umsi waloo mlilo uya kutsho ngomlembelele unyuquza unyuka ungaze unqamke. Abo banqula irhamncwa nomfanekiso walo, abanophawu lwegama lalo, abasoze baphumle imini nobusuku.”
12. Le meko ke icela umngeni kusapho lukaThixo ukuba lube nomonde, luyithobele imiyalelo kaThixo, lunyaniseke kuYesu.