10. uya kutsarhwa yingqumbo kaThixo. Ewe kaloku, impindezelo kaThixo itsale yada yatshukula. Uya kugcadeka elangatyeni lomlilo wesalfa, iXhwane nezithunywa ezingcwele zibukele.
11. Umsi waloo mlilo uya kutsho ngomlembelele unyuquza unyuka ungaze unqamke. Abo banqula irhamncwa nomfanekiso walo, abanophawu lwegama lalo, abasoze baphumle imini nobusuku.”
12. Le meko ke icela umngeni kusapho lukaThixo ukuba lube nomonde, luyithobele imiyalelo kaThixo, lunyaniseke kuYesu.
13. Kwakhona ndeva ilizwi liphuma ezulwini lisithi: “Bhala uthi: ‘Ewe kambe, banoyolo abo bafa bezinikele eNkosini!’ Ewe, ukusukela ngoku uMoya uthi: ‘Baphumle ekubulalekeni kwabo, baphahlwe ziziqhamo zemisebenzi yabo.’ ”
14. Ndithe ndisajongile kwavela ilifu elimhlophe, kulo kuthe ngcu into engathi ngumntu. Intloko yakhe yayihonjiswe ngembasa yegolide, ephethe irhengqe ebukhali ngesandla.
15. Kwaphuma isithunywa endlwini kaThixo, samemeza lowo wayehleli efini, sathi: “Yolula isandla sakho, uvune ngerhengqe leyo. Kaloku ixesha lokuvuna lifikile, ibe ke nesivuno sehlabathi sesilungile.”
16. Lowo wayehleli efini wasebenzisa irhengqe yakhe, wavuna ehlabathini.