Isityhilelo 13:5-9 Ibhayibhile (XHO96)

5. Isithuba esingangeenyanga ezimashumi mane anambini irhamncwa lavunyelwa ukuba lisebenzise amagunya alo, lithethe izinto ezimanyumnyezi, liqalekise.

6. Lasuka ke lamqalekisa uThixo, latshabhisa negama lakhe ndawonye nomzi wakhe ezulwini, kwakunye nâbo bahlala khona.

7. Lavunyelwa ukuba lilwe nosapho lukaThixo liloyise. Ngokunjalo lanikwa amagunya kuzo zonke iintlanga, izizwe, iilwimi, noluntu.

8. Bonke abantu behlabathi baya kulinqula. Abo ke ngabantu abamagama angabhalwanga encwadini yabaphilayo eyabhalwa kwangaphambi kokusekwa kwehlabathi. Incwadi le ke yeyeXhwane elabulawayo.

9. “Oneendlebe zokuva makeve!

Isityhilelo 13