1. Ke kaloku ndabona irhamncwa liphuma elwandle. Lona ke lalineentloko ezisixhenxe; iimpondo zona zazilishumi. Uphondo ngalunye lwalunembasa; kanti ke iintloko zaziphawulwe ngamagama amanyumnyezi.
2. Eli rhamncwa lalingathi lihlosi, koko iinyawo zalo zazifana nezebhere, wona umlomo ufana nowengonyama. Irhamncwa eli lafumana amagunya namandla ndawonye nobungangalala, libunikwa ligongqongqo.