12. Kwavakala umkhwazo ophuma ezulwini usithi kuwo: “Nyukani nize apha!” Zathi zisabukele iintshaba zawo, anyukela ezulwini ngelifu.
13. Kanye ngawo loo mzuzu kwabakho inyikima eyoyikekayo, saza isahlulo seshumi sesixeko eso satshabalala. Kwafa abantu abangamawaka asixhenxe. Abaseleyo bangenwa lunkwantyo, baza badumisa ubukhulu boThixo osezulwini.
14. Ngoku lidlule ishwangusha lesibini, kambe ke liyeza elesithathu kamsinya!
15. Ngokunjalo nesesixhenxe isithunywa salikhalisa ixilongo, kwaza kwavakala imikhwazo ezulwini, isithi: “Ngoku ihlabathi liza kulawulwa yiNkosi kunye noMthanjiswa wayo uKrestu, yaye ke iya kulawula kude kube ngunaphakade kanaphakade.”
16. Kananjalo amashumi amabini anesine amadoda amakhulu athe nqadalala phambi koThixo, athi qubudu phambi kwakhe, anqula embonga,
17. esithi:“Siyakubulela, Nkosi Thixo uSomandla,wena Ndikhoyo owayekho kakade,kuba uwathathele kuwe amagunya, walawula!