Iinkokheli 9:53-56 Ibhayibhile (XHO96)

53. Kambe ke umfazi othile owayephezulu enqabeni wamgibisela ngelitye lokusila, wamqhekeza ukhakhayi.

54. Ngoko nangoko ke wabiza umfana owayephatha izikhali zakhe, wathi: “Rhola ikrele lakho undibulale, ukuze kungathiwa ndibulewe ngumfazi.” Ngoko ke umfana lowo wamgwaza wafa.

55. Athi ke amaSirayeli akubona ukuba uAbhimeleki ufile, asuka agoduka onke.

56. Ngale ndlela ke uThixo wabuphindezela ububi obabenziwe nguAbhimeleki kuyise ngokubulala abantakwabo abangamashumi asixhenxe.

Iinkokheli 9