Iinkokheli 7:15-19 Ibhayibhile (XHO96)

15. UGidiyon akuliva eli phupha lalo mfo ngokunjalo nokuchazwa kwalo, wasuka wee guqaqa wanqula uThixo. Emva koko ke wabuyela kwakumaSirayeli, wafika wathi: “Qulani niye; uNdikhoyo uwunikele esandleni senu umkhosi wamaMidiyan.”

16. Loo madoda omkhosi wakhe omakhulu mathathu wawahlula-hlula kathathu, waza indoda nganye wayinika isigodlo nengqayi enesikhuni esivuthayo ngaphakathi.

17. Wawayala wathi: “Ze nindiqwalasele, nithi sakusondela phaya ekampini yotshaba, nenze loo nto ndiyenzayo.

18. Xa mna neqela lam sikhalisa izigodlo nani ze nenjenjalo, nijikeleze loo kampu, ngokunjalo nikhwaze nithi: ‘Iwu-u-u, watsh' umkhonto kaNdikhoyo nokaGidiyon!’ ”

19. UGidiyon nelo khulu lakhe lamadoda waya kufika emdeni wekampu yotshaba, kancinane nje phambi kobhadakazi ebusuku, kanye emva kokutshintshwa kwabalindi. Ke kaloku basuka batsho ngomtyangampo bekhalisa amaxilongo, bazikroboza nezo ngqayi babeziphethe.

Iinkokheli 7