6. Ngemihla kaShamgare unyana ka-Anati,nditsho ngezo mini zikaJayeli,abahambi banqaba bada banqamka,abantu sebegwegweleza ngezaa ndlela.
7. Emaphandleni kwakukhal' ibhungane,iilali zakwaSirayeli zazingamaphanga,de kwavela mna Dibhora njengesikhukukazi.
8. Suka bathatha thixo bambi,yaz' imfazwe yamrhewula uSirayeli.Kweso sine samawak' amaSirayeli,ikhaka nomkhonto zange ziphakanyiswe.
9. Kuthi mandityibele ndityondyothele kwezo ngqwayi-ngqwayi zikaSirayeli,ndibong' amatsha-ntliziyo ngokuzilahlela ngokuzinikela.Dumisani uNdikhoyo, nina mafa-nankosi!