22. Wathi akufika uBharaki, esukela uSisera, uJayeli waphuma wamhlangabeza, wathi kuye: “Yiz' apha ndikubonise lo mntu umfunayo.” Wangena naye ke uBharaki, waza wamfumana uSisera edunduluze apho ententeni efile, isikhonkwane sentente sibethelelwe entloko.
23. Ngaloo mini ke uThixo amaSirayeli wawoyisela uJabhin ukumkani wamaKanana.
24. Amandla amaSirayeli aya esanda ngokwanda ukuba ngqongqo kuJabhin, ada amtshabalalisa.