Iinkokheli 21:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ngethuba amaSirayeli ayehlanganisene eMizpa ayebhambathisile phambi *koNdikhoyo athi: “Asisoze sendisele iintombi zethu kumaBhenjamin.”

2. Ngoku ke amaSirayeli suke ahlanganisana phambi koThixo eBhetele; ahlala apho kwada kwahlwa, ehlahlamba ebindekile,

3. esithi: “Ndikhoyo, Thixo kaSirayeli, ngani ukuba sihlelwe yinto enje? Ngani ukuba esinye isizwe sezizwe zakwaSirayeli sitshabalale siphele tu?”

4. Ngentsasa elandelayo ke amaSirayeli akha iqonga apho, aza enza amadini atshiswayo kunye namadini obudlelwane.

Iinkokheli 21