Iinkokheli 20:23-34 Ibhayibhile (XHO96)

23. Kaloku amaSirayeli ayeye kuzibika kuNdikhoyo, alila iinyembezi kwada kwahlwa. Abuzisa kuye kwakhona, athi: “Ngaba masiye na ukuya kulwa namawethu amaBhenjamin?”UNdikhoyo ke waphendula wathi: “Yiyani nilwe nawo.”

24. Ngosuku olulandelayo amaSirayeli aphinda amhlasela uBhenjamin.

25. Nangesi ke isihlandlo amaBhenjamin aphuma eGibheya, aza ageqa ishumi elinesibhozo lamawaka oompondo-zihlanjiwe bamaSirayeli.

26. Aphuma ke onke amaSirayeli, aya kulila eBhetele. Ahlala apho phambi koNdikhoyo, akuzila ukutya kwada kwahlwa. Enza amadini atshiswayo, ngokunjalo nawobudlelwana, esenzela uNdikhoyo.

27-28. Ngelo xesha ke ityesi yomnqophiso yayilapho eBhetele. Ke uPineyasi unyana kaElazare umzukulwana ka-Aron yayinguye umbingeleli apho. AmaSirayeli ke aphinda abuzisa kuNdikhoyo, athi: “Ngaba masiye ukuya kulwa namawethu amaBhenjamin, okanye masincame?”UNdikhoyo ke waphendula wathi: “Phakathi! Ngomso ndiza kunithi jize ngoloyiso!”

29. Ngoko ke amaSirayeli afihla amanye amajoni, axhwarha kufuphi neGibheya.

30. Nangolu lwesithathu usuku amaSirayeli amhlasela uBhenjamin, amajoni akha uhlelo ekhangele iGibheya njenga-ngaphambili.

31. AmaBhenjamin aphuma ukuhlangabeza, ada asishiya isixeko. Njengezolo ke akhe ageqa apho kumaSirayeli kuloo mathafa nakwindlela eya eBhetele neya eGibheya. Kwafa amashumi amathathu amaSirayeli.

32. AmaBhenjamin athi: “Isesesezolo; siwafumene!”Ke wona amaSirayeli athi: “Masihlehle, khon' ukuze siwatsalele ezindleleni kude nesixeko.”

33. Wathi ke umkhosi wamaSirayeli waqokelelana eBhali-tamare, waza lowa wawulalele ngaseGibheya wadyulukudela ukuphuma kwezo ziwana zingqonge isixeko.

34. IGibheya ke yahlaselwa lishumi lamawaka angoompondo-zihlanjiwe, bekhethwe kuSirayeli ephela. Hayi ke, yaba yinkwa nenkwa, phofu yena uBhenjamin engaqondi ukuba namhlanje ihlile intlekele.

Iinkokheli 20