Iinkokheli 15:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ekuhambeni kwexesha uSamson watyelela umkakhe xa kuvunwa ingqolowa. Wahamba eqhuba ibhokhwe. Wafika wathi kumkhwe wakhe: “Ndifuna khe ndiye egumbini lomkam.”Kambe ke yena wala,

2. esithi: “Bendiba akusamfuni mpela, ndaza ke ndamnikela kumhlobo wakho ukuba abe ngumkakhe. Phofu udade wabo omncinci yinzwakazi kunaye; ngoko ke kunganjani useluthatha yena?”

3. Ke uSamson wathi: “Okwesi isihlandlo ndimsulwa kuyo nayiphi na into endiyenza kumaFilistiya!”

4. Ke kaloku wahamba wabamba amakhulu amathathu eempungutye. Wazidibanisa ngemisila ngambini ngambini, ebophelela ukhuni olunevithi apho ekudibaneni kwemisila.

Iinkokheli 15