1. Ke kaloku uSamson wehla waya eTimna, waza ke apho wabona enye yeentombi zamaFilistiya.
2. Akugoduka wathi kuyise nonina: “Ndibone intombi yomFilistiya eTimna; ke ndithatheleni yona ibe ngumfazi wam.”
3. Uyise nonina bathi: “Ngani ukuba ude uye kuthatha umfazi kumaFilistiya angalukiyo? Bekungasekho zintombi na apha phakathi kwamawethu?”Kambe ke uSamson wathi: “Ndithatheleni yona, kuba ikuphela kwentombi endifaneleyo.”
4. Uyise nonina babengaqondi ukuba le nto inomnwe kaThixo; kaloku uThixo wayefuna isizathu sokulwa namaFilistiya. Ngelo thuba kaloku amaSirayeli ayephantsi kwamaFilistiya.
5. USamson wahamba noyise nonina, baya eTimna. Ngasezidiliyeni zaseTimna ke uSamson wabona igatyana lengonyama ligquma lisiza ngakuye.