Iinkokheli 12:13-15 Ibhayibhile (XHO96)

13. Emva koElon ke nguAbdon unyana kaHileli wasePiraton owaba yinkokheli kwaSirayeli.

14. Yena ke wayenoonyana abamashumi mane nabazukulwana abangoonyana abamashumi mathathu; babekhwele iidonki ezimashumi asixhenxe. Ke uAbdon waba yinkokheli kwaSirayeli iminyaka esibhozo.

15. Uthe ke akusweleka wangcwatyelwa ePiraton kummandla kaEfrayim kweleentaba lama-Amaleki.

Iinkokheli 12