Iinkokheli 12:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke wona amaEfrayim axhobela imfazwe, aza aphuma aya eZafoni, afika athi kuJefta: “Bekungani ukuba ungasibizi thina xa usiya kulwa nama-Amon? Uyabona ke ngoku siza kuyitshisa indlu yakho wena uphakathi kuyo!”

2. UJefta waphendula wathi: “Hayi kaloku, thina nabantu bam sasuka saxabana nama-Amon, saza sathi sakunibiza ukuba nize kusihlangula nasuka anasabela.

3. Ndithe ke ndakuqonda ukuba anizi, ndasuka ndazilahlela, ndawuwela umda, ndaya kulwa, waza ke *uNdikhoyo wawanikela ezandleni zam. Ngani ukuba ngoku nina nifune kum?”

4. Ke uJefta wawaqokelela amaGiliyadi, walwa nawo amaEfrayim, wawoyisa. (AmaEfrayim ke athi: “Nina maGiliyadi niziimbacu eziphuma kwaEfrayim nakwaManase.”)

Iinkokheli 12