Iinkokheli 12:1-2 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke wona amaEfrayim axhobela imfazwe, aza aphuma aya eZafoni, afika athi kuJefta: “Bekungani ukuba ungasibizi thina xa usiya kulwa nama-Amon? Uyabona ke ngoku siza kuyitshisa indlu yakho wena uphakathi kuyo!”

2. UJefta waphendula wathi: “Hayi kaloku, thina nabantu bam sasuka saxabana nama-Amon, saza sathi sakunibiza ukuba nize kusihlangula nasuka anasabela.

Iinkokheli 12