Iinkokheli 11:2-8 Ibhayibhile (XHO96)

2. wayenabanye oonyana, bezalwa ngumkakhe; bathi bakukhula bamgxotha uJefta. Bathi kuye: “Wena awunakuzuza lifa kwindlu katata; kaloku uzalwa mfazi wumbi.”

3. Wasaba ke uJefta kubantakwabo, waya kuhlala kumhlaba waseTobhi. Apho ke kwabuthelana kuye iindlavini ezithile, zaza zaba ngamahlakani akhe.

4. Ekuhambeni kwethuba ke ama-Amon alwa namaSirayeli.

5. Kuthe ke kwakuba nje amadoda amakhulu aseGiliyadi asuka alanda uJefta eTobhi,

6. athi: “Yiba yinjengele yethu, khon' ukuze sibe nako ukulwa nama-Amon.”

7. Waphendula ke yena wathi: “Andithi na kanene nandithiya kangangokuba nada nandigxotha endlwini kabawo. Ngani ke ngoku ukuba nithi nakuba sengxakini nize kum?”

8. Ke wona azibika kuye athi: “Ewe, naxa kunjalo sibhenela kuwe ngoku, kuba sifuna uhambe nathi, ulwe nama-Amon. Uya kuba yintloko yethu sonke thina maGiliyadi.”

Iinkokheli 11