Iinkokheli 1:7-11 Ibhayibhile (XHO96)

7. UAdoni-bhezeki wathi: “Amashumi asixhenxe ookumkani ababhontsi babo bezandla neenyawo bashunqulweyo babefudula bechola-chola iimvuthuluka apho ndityela khona. Kodwa ke ngoku uThixo undiphindezele ngaloo nto ndandibenza yona.” Wathathwa ke, wasiwa eJerusalem, apho wafela khona.

8. Abendlu kaJuda ke bayihlasela bayithimba iJerusalem. Abemi bayo babatshabalalisa, sona isixeko basifak' umlilo.

9. Emva koko ke balwa namaKanana akweleentaba, namazantsi azo, ngokunjalo nakwintlango esezantsi.

10. Bahlasela namaKanana awayemi eHebron eyayibizwa ngokuba yiKiriyati-arbha mandulo. Bayoyisa ke imizi yamaSheshayi, ama-Ahiman, namaTalmayi.

11. Abendlu kaJuda baya kuhlasela abantu abahlala eDebhiri, ekwakusithiwa yiKiriyati-sefere mandulo.

Iinkokheli 1