10. Nina bamthandayo uNdikhoyo, buthiyeni ububi;kaloku yena uyabagcina abantu bakhe,abahlangule esandleni sabantw' abakhohlakeleyo.
11. Ilitha lokukhanya lithe thaa phezu kwamalungisa;banemincili abantw' abantliziyo zinyulu.
12. Gcobani nonke malungisa,nibulel' uNdikhoyo ngezintw' ezintl' anenzele zona.