Iindumiso 96:9-13 Ibhayibhile (XHO96)

9. Mnquleni uNdikhoyo, yena unesihomo nesithozela;malingcangcazele lonk' ihlabathi phambi kwakhe.

10. Zixeleleni iintlanga ukuba uNdikhoyo nguKumkani;nguye olizinzisayo ihlabathi, aliyi kugungqa;nguye oya kubagweba ngobulungisa bonke abantu.

11. Gcobani, mazulu, lichwayite ihlabathi;gquma, wena lwandle, nako konke okwakho;

12. makayeyezele amadlelo nezinto ezikuwo;mayombele imithi emahlathini;

13. kuba uyeza uNdikhoyo;uza kuligweba ihlabathi,alilawule ngobulungisa,azigwebe ngokomthetho izizwe.

Iindumiso 96