Iindumiso 94:12-20 Ibhayibhile (XHO96)

12. Unoyolo lowo uyalwa nguwe, Ndikhoyo;nditsho ofundiswa nguwe umyalelo wakho.

13. Umnika inzolo ngemihla yobubi,lo gama amatshijolo ombelwa umhadi.

14. Kaloku akayi kubafulathela abantu bakhe uNdikhoyo;akasoze ayilahle indlu yakhe.

15. Kobakho ubulungisa ezinkundleni,abulandele onke amalungisa.

16. Azi, ngubani owondilwela kumatshijolo?Yoba ngubani na ongakum?

17. Ukuba bendingancedwanga nguNdikhoyo,ngesele ndikwantsonga-nyawana.

18. Xa ndandisendisithi ndiyoyisakala,wandixhasa ngezibele zakho wena, Ndikhoyo.

19. Xa ndandinxubile, ndixhalabile,wandithuthuzela, wandonwabisa wena.

20. Akunabudlelana nabalawuli abakhohlakeleyo,bona bayenza umthetho intswela-bulungisa.

Iindumiso 94