Iindumiso 92:1-3 Ibhayibhile (XHO96)

1. Yinto entle ukumbulela *uNdikhoyo;yinto entle ukubonga igama loPhezukonke.

2. Kulungil' ukubalisa ngezibele zakhe kusasa,nangokunyaniseka kwakhe ngokuhlwa,

3. kuvakala uncuthu lwengoma yeentambula,nehapu itsho ngesongo sengom' emyoli.

Iindumiso 92