Iindumiso 91:1-4 Ibhayibhile (XHO96)

1. Lowo uhleli ekhuselwe nguPhezukonke,uhlala esemthunzini kaSomandla.

2. Yena uya kuthi: “*Ndikhoyo, ungumkhuseli wam;uyinqaba yam, wena Thixo, ndiya kuthembela kuwe.”

3. Kuba nguye okuhlangula emgibeni wabakugcayiseleyonakubhubhani wesifo,

4. akwambathise ngamaphiko akhe, akufihle ekhusini lakhe,kube likhaka nekhuselo lakho ukuthembeka kwakhe.

Iindumiso 91