Iindumiso 9:16-20 Ibhayibhile (XHO96)

16. Uzibonakalisile uNdikhoyo, wasiwisa isigwebo;izikhohlakali zarhintyelwa kwayimisebenzi yazo.

17. Ziya kwelabafileyo izikhohlakali,neentlanga zonke ezimfulathelayo uThixo.

18. Kaloku akayi kusoloko elityalwa amahlwempu;ithemba labahlelelekileyo aliyi kusoloko lifuthaniselwe.

19. Lamla, Ndikhoyo; malungaphakami uluntu;mazize phambi kwakho uzigwebe iintlanga.

20. Zenze zikoyike, Ndikhoyo,ziqonde ukuba zingabantu nje kuphela.

Iindumiso 9