16. Uzibonakalisile uNdikhoyo, wasiwisa isigwebo;izikhohlakali zarhintyelwa kwayimisebenzi yazo.
17. Ziya kwelabafileyo izikhohlakali,neentlanga zonke ezimfulathelayo uThixo.
18. Kaloku akayi kusoloko elityalwa amahlwempu;ithemba labahlelelekileyo aliyi kusoloko lifuthaniselwe.