Iindumiso 89:20-27 Ibhayibhile (XHO96)

20. Ndimfumene uDavide isicaka sam;yena ndimthambise ngamafutha angcwele.

21. Ke ngoko isandla sam soba naye njalo-njalo;ewe, uya komelezwa ndim.

22. Akasoze onganyelwe lutshaba,nezibhoja soze zimthibaze.

23. Ndiya kuzinyhasha iintshaba zakhe,ndibatshabalalise abo bamthiyileyo.

24. Ndohlala ndimthanda, ndilithemba lakhe;ndiya kumenza ahlale eyintshatsheli.

25. Ulawulo lwakhe luya kuma ngeelwandle,luya kuthi xhaxhe ngemilambo.

26. Uya kubhenela kum, athi: ‘Wena unguTata;unguThixo wam, umqolomba ondihlangulayo.’

27. Yena uya kuba yinkulu yam,abe yingangalala yookumkani behlabathi.

Iindumiso 89