2. Ndiya kububengeza obakho ububele ukuba soze butshitshe;ukuthembeka kwakho ukuzinzisile emazulwini.
3. Kaloku wena wathi:“Ndenze umnqophiso kunye nomnyulwa wam;ndinqophisene nesicaka sam uDavide, ndathi:
4. ‘Ndiya kuyimisela ngonaphakade inzala yakho;ndoluxhasa ulawulo lwakho lungabi nasiphelo.’ ”
5. Amazulu ababaza imimangaliso yakho, Ndikhoyo,ukuthembeka kwakho ebandleni lemilowo yakwakho!
6. Esibhakabhakeni ngubani onokulinganiswa nawe, Ndikhoyo,ingubani kwabasemazulwini ofana nawe?
7. UnguThixo ohlonelwayo kwibandla labamsulwa;umkhulu uyoyikeka ngaphezu kwabo bonke abakungqongileyo.