7. Ingqumbo yakho indisibekele,amaza alatyuzayo andongamele.
8. Undihluthe izihlobo zam ezisenyongweni;kungokunje ziyandenyanya.Ndixinekile, futhi andisenakuphuncula;
9. ndiyayengezelisa ngenxa yembandezelo.Ndikhoyo, ndikhala kuwe yonke imihla;ndiphakamela kuwe ngomthandazo.
10. Imimangaliso ngaba uyenzela abafileyo na?Boze bavuke bakudumise na?
11. Uthando lwakho luxelwa ngabafileyo na?Ukunyaniseka kwakho kwaziwa kwantshabalala na?