Iindumiso 88:5-8 Ibhayibhile (XHO96)

5. Sendinikelwe kwabafileyo;sendifana nowoselweyo othe gangalala engcwabeni.Ndinjengâbo ungasabakhumbuliyo,abo bangasenakuncedakala.

6. Undithe tywa kwelimnyama ingcwaba,ezantsi emathunjini omhlaba.

7. Ingqumbo yakho indisibekele,amaza alatyuzayo andongamele.

8. Undihluthe izihlobo zam ezisenyongweni;kungokunje ziyandenyanya.Ndixinekile, futhi andisenakuphuncula;

Iindumiso 88