Iindumiso 88:11-14 Ibhayibhile (XHO96)

11. Uthando lwakho luxelwa ngabafileyo na?Ukunyaniseka kwakho kwaziwa kwantshabalala na?

12. Ngaba imimangaliso yakho yaziwa enzonzobileni na?Okanye usindiso lwakho lusebenza kwelokulibala na?

13. Hayi bo! Ndikhoyo, ndibhenela kuwe;ntsasa zonke ndizibika kuwe.

14. Awu, Ndikhoyo, ngani ukuba undilahle?Ngani ukuba undifulathele?

Iindumiso 88